Sifumene ifuthe kuAndile
Iyure nesiqingatha kamva sibuyele emzini kaLandile apho uAndile ebelungiselela ukuya kwindibano engeye-12 emin' emaqanda eza kubonana neMD yeMusic International uLouis Mans . Uzimisele ukuwandisa umculo wakhe nale ndibano ibinento yokwenza neqela elitsha azimisele ukulivelisa.
Lo gama sisalindele uMans singamphazamisanga uLandile sikhe ethubeni sancokolo noAndile ngomsebenzi wakhe. Uthe ngomculo wakhe ufumene iingcebiso kumagqala anjengo-Om Alec Khaoli. Usebenze njengonobhala wakhe emva kokuba unina uDolly wamzisa kuye ukanti ebekwayimvumi.
Umculo ndiyawuthanda. Ndandithanda ukuwuphulaphula
kwiWalkman xa ndiphangele, bekuthi kwakukhala ingoma endiyithandayo ndicule kakhulu.
Ngenye imini ndakhathazeka ndakufumanisa ukuba uOm Alec ebemi ecaleni kwam ngalo lonke eli xesha ndicula. Ulithandile ilizwi lam waza wathi mandibe yimvumi emombelelayo phambi kokuba acinge ngokushicilela icwecwe lam.
lcwecwe lokuqala likaAndile elithi Abuti Yo likhutshwe ngo-1996 ngoku unamacwecwe amathathu. Elesine Iiza kukhutshwa phambi kweeholide zepasika .
Emva kwendibano sikhwele nabo saya kwiTreumps International Grill Lounge ekuyirestaurant eseSandton Square ukuze sitye ilantshi . Mhlawumbi kunokwenzeka babone umfanekiso wakhe kumabali amanyundululu abechazwa
emaphepheni okanye mhlawumbi kuba ebukeka emhle xa enxibe okumbetshembetshe.
Sithe sakugqiba ukutya sabuyela endleleni kwakhona sisinge kumbindi wesixeko apho sifande abadanisi kwaneemvumi ezombelela uAndile, uZintle Kunene noHoratia Simefane. Kwindlela yethu esinge eMidrand apho bebeza kuprekthiza khona uZintle (one-18 leminyaka) usixelele ukuba uyakuthanda ukusebenza noAndile kuba ungumntu onobuhlobo nekulula ukuhamba naye.
Ukuprekthiza kwabo kuthathe nje iyure kwaye sibukele ngomonde xa esi sithathu sidanisa kwiingoma zikaAndile. Bekusemva kweye-6 ngokuhlwa xa uAndile noLandile basishiya begodusa uZintle noHoratia beyobabeka eSoweto. 

Indlela
zokuphumelela
Ngena
kwinkulungwane
Entsha
Kubalisa uLINDY BARRY

Vumela inkulungwane entsha ikunike ifuthe lokwenza isiqalo esitsha, ufikelele usukelo olutsha

N
 

GABA
unochulumanco lwenkulungwane entsha nezithembiso eza nazo? Hayi ungalivumeli ihlombe elihlwahlwazayo liphele. Zixelele ukuthi ndinako kwaye ndiza ... uze ke uqalise ukubangela ubomi bakho buqhubeke ngaphandle kwamagingxigingxi neminqweno yakho izaliseke. Nazi iindlela ezili-10 zokubangela awona mandla enkulungwane entsha nokutshintsha ubomi bakho:


1.	Funda ukuzithemba
Ngaba ukhe uzivumele unqwenele? Ufuna ukuba yintoni okanye wenzeni xa ithuba livela? Umbhali wodumo? lsinhanha? lmvumi yodumo? lnkoliso yethu iyakoyika ukunqwenela kuba asikholelwa kwelokuba ezi zinto zikhe zenzeke

64 BONA XHOSA -  March 2000
Kubantu nje abasithi. Kuba kutheni? Kutheni izinto ezintle zenzeka kwabanye abantu, zingenzeki kuthi? Ikakhulu kungenxa yokungakholelwa ukuba ziyasifanela okanye kubukeka kunzima ukuzifikelela.
Nazi iindaba ezimnandi: qalisa ukuyikholelwa iminqweno yakho, uza kumangaliswa yindlela izinto EZIQALISA ukwenzeka ngayo. Okufunekayo sisibindi sokufeza umnqweno wakho. Thenga ibhokisi okanye ifayile uze ufake amanqaku avela kwimagazini okanye iphephandaba manqaku lawo anento yokwenza neminqweno yakho uze uwubone umnqweno wakho uye uvela kancinci kancinci okwelanga empuma, wubukele ukhula uqaqamba. Ziqonde iziganeko ongazilindele ezingabangela ufezeke umnqweno wakho. Kusenokwenzeka ungazaliseki ngendlela oyilindeleyo kodwa ukuba uwulangazelela kakhulu, uza
KUZALISEKA.


2.	Ebomini thanda
Apha ngoku, phambi kokuba ufunde, khetha ubomi! Oku akubukeki kububudenge. Cinga nje ukuba kufuphi kangakanani iingcamango zakho zilandula zikucinezela ebuchotsheni. Qho siphulaphula unomathotholo okanye sifunda iphephandaba sibona okona kubi elizweni Iethu:
ukudlwengula, ukuqweqwediswa, ukukhotyokiswa ziziyobisi. Singabala litshon' ilanga. Sinokukhetha ukububona ubomi ngeny' indlela okanye sinokugqiba ukubona okunik' ithemba. Kukukhetha ukuphilela ukufa okanye ubomi obunomdla nobonwabisayo!
Ufike ulincoko uneendlela ezimbini ezintle zokufunda ukusoloko ujonge kokunik ithemba. Kuqala, usebenzisa Amazwi Anamandla mazwi lawo atshintsha okulandulayo kube kokunik' ithemba, amazwi avuselelayo. Ukuzekelisa, kunokuba uthi, Le yingxaki engaphaya kwamandla am yithi Oku lucelo-mngeni oluthakazelisayo, ndiza kuluqabelisa. Okanye kunokuba uxelele abanye uthi Oku sokuze kuphumelele yithi Masifumane iqhinga lokukuqabelisa.
lndlela yesibini kaMike kukuba wena nabanye nizifumane nikwenza kakuhle okuthile kunokuba nikwenze phosakeleyo. Zama ukuncoma uthile unyanisekile mihla le kunokuba ugxeke de ungaziva. Qiniseka ngokuzincoma mihla le.

3. Zikokose iziphiwo zokho Ukungaphangeli sekuthanda ukuntlitha abantu baseMzantsi Afrika. Xa sisitsho asihlekisi. Kuyo yonk' indawo sibona uninzi lwabantu luziqeshile. Lushenxe kwisithethe sokuphangela kwinkampani ezinkulu lwaza Iwakhetha ukuziqesha. Ababethanda ukukwenza bakutshintshe kwalishishini abalithandayo. Ewe, ukuze uphumelele kufuneka usebenze nzima kwaye iziphumo zokwenjenjalo zininzi.
Kule nkulungwane intsha yintoni kanye ongakuthanda NYHANI ukukwenza? Kubhale uze ukufake kulaa bhokisi yakho yeminqweno. Qalisa ukubona ukuba ungaqala njani. Mhlawumbi bekufuneka ube wenza izifundo zekhompyutha okanye uqalise ukonga ukuze uthenge umatshini wesibini wokuthunga. AbakwaBusiness Partners Ltd banencwadana yasimahla ethi Your Guide to Alternative Business Finance and Training Organisations .  Ifowuni yabo ungayibona kumqulu oneenombolo zefowuni . Kwakhona khangela iincwadi ezingokuqalisa ishishini Iakho. Sikunqwenelela ithamsanqa ungarhoxi, nkqu nokuba unyuka ummango!

4.	Khathalela impilo yakho
Uza kufuna amandla ukuze usukelo lwakho kule nkulungwane entsha uluphumeze oku kufuna ukuba umzimba wakho uphile qele. Yenza imithambo ukuze ube nemikhwa ongasoze uyiyeke. Khetha okuthandayo njengokuhamba-hamba, umdaniso iball-room okanye uye ejimini , oku kuza kukonwabisa. Zama ukuba ngemini wenze imithambo ama-30 emizuzu, uya kube wenza lukhulu ukuze ushenxise ukungahlaselwa yintliziyo okanye umhlaza uselula. Ukwenza imithambo kuphungula ukucinezeleka engqondweni, endaweni yokube ungxolisa abantwana, phuma uyokunkcunkca!
Kubalululekile ukukhe uxilongelwe uxinzelelo Iwegazi,  icholesterol , isifuba, amehlo namazinyo kwanepap smear , yiya ekliniki okanye kugqirha. lingxaki ezibonwe kwangethuba kulula ukuba zinyangwe ngokuphumelelayo. lmpilo yakho ibalulekile, yikhathalele ngoku!

5.	Yitya ukutya okunik'impilo
lsaci esithi isilo esinamandla sesidlayo siyinyaniso ke kambe xa nyhani kuthethwa ngokutya. Xa imizimba yethu siyizalisa ngokutya
okunjengeHamburgers , inyama yenkuku eqhotsiweyo neetships ezishushu ezithengwa ezicafe sigqibela sesiphathwa sisitshisa noxinzelelo oluphezulu lwegazi nabantwana bethu baphela sebenamaqhankqa nemikhwa emibi yokutya.  Icaffeine eninzi okanye amashwamshwam aneswekile neziselo anokukubangela ube ngumntu ophathwa sisicaphucaphu. UMnyaka oMtsha wuqalise ngokukhetha ukutya okunempilo kuba imizimba esempilweni ikwathetha nobuchopho obusempilweni.
lziqhamo ezininzi, imifuno neekhabohidrathi esixabisekileyo, intwana yeprotini nentwana yamafutha netyuwa yindlela esebenza kakuhle. Ukutya okuphekwe ekhaya kokona kungcono kodwa kungumsebenzi emva kokuba ubusebenza nzima emini, cinga ngokutshintsha ukutya kwangokuhlwa kube Iixesha elihle losapho. Xa uvela emsebenzini dibana nosapho lulonke kwigumbi lokupheka ukuzama iiresipi ezintsha nindawonye (ewe, namakhwenkwe abekho) Ezivenkileni kukho iincwadi ezineresipi ezinomdla, zithenge!


6.	Funda iindlelo ezingcono zokugcina imali
Nkqu nokuba akunamali eninzi kusafuneka ukwazi ukulawula loo ntwana unayo kuba unokukwazi njani ukubona iminqweno yakho ifezeka? Zigcinele incwadana ebhegini okanye kwibriefcase ebudeni benyanga ubhale senti nganye oyisebenzisayo. Unokothuka wakubona ukuba imali yakho iya phi.
Sebenzisa le nkcazelo ukuqulunqa uqingqo-mali uze inkcitho uyishenxise. Bhala imali engena nyanga nganye kuluhlu olunye lwencwadi yakho uze kolunye uluhlu ubhale iindleko ekufuneka uzihlawule (umbane, amanzi,  iirates ,  irenti , iipolisi zenshorensi njalo njalo). Bala le imali esalayo onokuyonga.
Ukuba kukho uchatha osalayo kungafuneka ubone ukuba yintoni onokuyeka ukuyithenga ( iitships ,  iilekese  , iziselo ezibandayo?), loo mali yilondoloze. Abantwana bakho baquke koku ukuze babone ukuba imali yenzani. Cacisa ngemali oyongayo ubaxelele ukuba bayeke ukucela imali yokuthenga okungafuneki. Zimisele ukunamathela kolu qingqo-mali kuba xa usenjenjalo uza kufeza usukelo lwakho.
BONA XHOSA -  March 2000  5


Ngena
Kwinkulungwane etsha

7.	Mihla le kuvume okutsha
Walala, wasala, xa oko kunkenteza ezindlebeni zakho,lumka ungasali. Bandakanyeka endaweni yokukhalazela indlela ekunzima ngayo ukuphila. lsaci esithi Kubamb' ezingelayo, kuphelelisa konk' oku. Naw uyazi ukuthi xa kungekho nto oyiphokozel ebomini awuzuzi-nto. Khawuzame ukubhaqa okuqhubeka kuvimba weencwadi apho uhlala khona ( library ) okanye kwisakhiwo esineentlobo-ntlobo zemizobo nobugcisa. Funda ikhosi ekudala uyifuna kodwa ubethwa luloyiko, ukwaluphala okanye ukuxakeka. Kunokukunkwantyisa ukutsiba ngaphaya kwemida yobomi bakho, kodwa wakuba ukwenzile uza kumangala ukuba kutheni ungazange ukuzame ngaphambili kuba siphila kwilizwe elinento yinto ezichulumancisayo.


8 Zifumanele okonwabisoyo
Ewe, kubalulekile ukuzibekela usukelo emsebenzini, ekhaya nakubomi bakho ukanti kukwabalulekile ukuqonda ukuba ubomi asibubo nje obokufikelela olo sukelo. Zama ukuphulula udimazeko njengethuba lokufunda isifundo esibalulekileyo uze uzibuze lo mbuzo Yintoni endinokuyifunda kula mava? uya kube uphokoza okubang umdla ebomini.
Ngokwenjenje uza kuqalisa ukunandipha inkulungwane entsha .


9.	Khathalela umphefumlo wakho
Zithembise ukuba uza kululawula ucinezeleko phambi kokuba uve izivubeko zalo. Ucinezeleko aluphepheki nkqu nakuba bekumel' ukuba singene kwisigaba sezinto zokomoya. Phofu ke, ucinezeleko engqondweni siyalufuna ebomini bethu ukuze lusishukumise lusigcina sisebenza. lqhinga kukufunda indlela yokuphumla ukuze ucinezeleko engqondweni lungagabadeli Iusiqobe. Nanga amacebiso, wazame:
Coca iikhabhathi zakho ulahle okanye uthengise nantoni na ebingasetyenziswa kwiinyanga ezi-6 ezidluleyo. Uyazi, ukucocisisa kubangela ubuchopho bubethwe ngumoya omtsha. Phambi kokulala funda okuthile okuthomalalis ubuchopho (ungabukeli iinkqubo kumabonakude ezinobundlobongela).
Chitha i-15 lemizuzu ukusa kwisiqingatha seyure uzolile kwisihlalo esitofotofo, uval' amehlo, uphulaphule umculo opholileyo. Thandaza, camngca ngeli thuba. Cela ungaphazanyiswa mntu xa usenza oku. Nkqu nalapha uphangela khona ungakwenza oku (kungekho mculo) Zinxweme kubantu abakuthob isidima, chitha ixesha nabo bakubangela uzive ungumntu wabantu.


10. Nqonda ziinkwenkwezi!
Owe-2000 umnyaka kha-uwuqalise ungumntu onethemba. Shenxisa zonke iimpahla ezingasakulingani. Zikubangela ungabukeki uzive unetyala kuba ungekawuthi emzimbeni. Kanti ke, lahla okanye uthengise nantoni na oyibona ingasakufaneli. Cela abahlobo abalungileyo bakuncede ugqibe ngestayile nemibala ekufanelayo ngokulinganjsa okusasele kwiwadrobhu yakho uze uzimisele ukuthenga oko kukufanelayo ethubeni elizayo. Zama, istayile esitsha seenwele, okuqatywa emilebeni okutsha, okuqatywa ezinzitsheni okanye iperfume eyahlukileyo. Khumbula ukuba ungumntu okhethekileyo mihla Ie nomnyaka omtsha uza kuwuqalisa umtsha, uzithembile! 
